Wamkelekile kwiYunivesithi yaseKapa

Dr Max PriceWamkelekile kwiYunivesithi yaseKapa-iyunivesithi endala yaseMzantsi Afrika neyona inqenqeza phambili eAfrika ngokuhlohla nanjengeziko lophando.

Kule website sithemba ukuba siza kunika ukhenketho olululo lwezifundo nobomi bomfundi eUCT kunye nezinto omawuzilindele xa unokuthi uthathe isigqibo sokulandela ikhono lezifundo zakho nathi.

iUCT iyazingca ngerekhodi layo lwemfundo eyaziwa kwihlabathi liphela. Sinomahluko kwamanye amaziko emfundo aphakamileyo kangangokuba iUCT likhaya kubaphandi abaziwayo kwihlabathi liphela nababalwa kuluhlu A eMzantsi Afrika kunye nesabelo esivakalayo kwizihlalo seNational Research Foundation. Oku kuthetha ukuba abafundi bethu abangekabinazidanga nabo selebenazo bakrotyiswa kubaphandi abaphume izandla abaziwayo lihlabathi liphela kumsebenzi wabo.

Injongo yethu kukulungisa iinkokheli zangomso. IUCT ngoko ke ithatha imbono epheleleyo kuphuhliso lomfundi, iqinisekisa ukuba uza kufumana imfundo ephumela ngapha kwezifundo zaseklasini. Maninzi amathuba okuphuhlisa izakhono zakho zobunkokheli, ukuthatha inxaxheba kwiiklabhu nemibutho ngemibutho ekhoyo ekhampasini nasekubandakanyeni kwiikomiti zendawo zokuhlala, kunye nolawulo lwabafundi kwinto ezifana noMelo lwaBafundi (SRC) kunye nePalamente yabaFundi. Sikwabeka ukubaluleka okukhulu kubandakanyeko lwasekuhlaleni kwinkonzo yamaphulo akhokhelwa ngabafundi afana neStudent Health and Welfare Centres Organisation (SHAWCO).

EUCT ukwanewonga lokufunda kwimo enabileyo, enenkcubeko ngeenkcubeko enabasebenzi nabafundi abavela kumazwe angaphezulu kwe-100 eAfrika nakwihlabathi liphela. Abafundi bamanye amazwe benza umyinge we-20% wamalungu abafundi into ekuvumela ukuba ugudlane imihlana nolutsha olusuka kwiinkcubeko neendawo ngeendawo. Sizimisele ukutsala abafundi abanesiphiwo, abazimiseleyo yaye sineenkqubo ezininzi kunye nezinto ezahlukeneyo ongakhetha kuzo ngokuphathelele kwizifundo, ubandakanyeko ekuhlaleni kunye noncedo lwezemali.

Ndiyakukhuthaza ukuba uphengulule kule website yaye ujonge ialbhamu yezithombe zethu ukunika amagqabantshintshi ngobomi ekhampasini.

Silindele ukukwamkela eUCT.

Gqr Max Price
ISekela-Tshansela

buyela phezulu